Inkosi Yomhlaba
Book Description
Iintsuke ezimbalwa nje phambi kokuba uYesu azalwe, ikumkani yagqiba ekubeni ibale abantu belizwe layo. Babengabalwa nje naphi apho kuhlanganwa nabo khona. Kwakufuneka elowo aye kubalwa kwidolophu azalelwe kuyo. Uyesu wayezalelwe eBhetelehem, ngoko uMariya noYosef kwakufuneka basuke eNazarethi baye eBhetelehem. Kwakungekho zibhasi okanye oololiwe okanye iimoto ngezo mini. Kwakugekho zibhasi iidonki...
MoreIintsuke ezimbalwa nje phambi kokuba uYesu azalwe, ikumkani yagqiba ekubeni ibale abantu belizwe layo. Babengabalwa nje naphi apho kuhlanganwa nabo khona. Kwakufuneka elowo aye kubalwa kwidolophu azalelwe kuyo. Uyesu wayezalelwe eBhetelehem, ngoko uMariya noYosef kwakufuneka basuke eNazarethi baye eBhetelehem. Kwakungekho zibhasi okanye oololiwe okanye iimoto ngezo mini. Kwakugekho zibhasi iidonki okanye iinkamela. Kanti abanye babesiya ngeenyawo naphina apho bafuna ukuya khona. Ke yena uYosef wazifunela idonki, wakhwelisa uMariya nomthwalo wabo kuyo, wanduluka ukusinga eBhetelehem. Bafike sele kuhlwile. Ialiselithshonile ilanga kusiba mnyama. Khumbula bonke abantu ababezalelwe eBhetelehem babelapho bevela kuzo zonke iindawo, beze kubalwa njengoYosefu noMariya. Abantu kule dolophu babeyinyambalala. Kwakunyakazela abantu, iidonki, iimbongolo kunye neenkamela yonke nje indawo. Umariya wayekhulelwe kwaye sele lisondele ixesha lokuzalwa komntwana. Uyosefu kwafuneka akhawulezise afune indawo ababeza kuhlala kuyo. Wakhangela kumakhaya ekulalwa kuwo. Wangena ephuma kuwo ebuya nembande yesikhova. Baza qulala phi bethu? Nakwelokugqibela ikhaya waxelelwa: "Uxolo mhlobo. Baninzi abantu apha. Ngenene kuzele." "Aninalo necebo n mfondini?" Wabuza uYosef. "Sivela kude kude kakhula kwaye inkosikazi yam iza kufumana umntwana. Umntwana uza kumfumana kobu busuku." Wabanosize kakhulu umnini-khaya. "Uyazi ntoni," watsho. Andinayo konke indawo apha ehotele. Kodwa ke ndinaso isitali. Sicocekile. Kukho nje iinkomo neegusha ezimbalwa phaya. Ukuba uyathanda ungalala phaya, kwaye ungahlawuli." Ngoko ke uYosef noMariya baya esitalini. Babeka iingubo zabo phezu kwefulu yokondla impahla. Kufutshane nje emva koko wazalwa umntwana. Umariya wamenzela ibhedi emkhumbini waza wamsongela eziqhiyeni. Waba ke uzelwe uKumkani wehlabathi. Wayevela kuThixo kodwa ke weza ngomntu ukuze naye abe ngumntu oza kusindisa bonke abantu abakholwayo kuye.
Publisher | Van Schaik |
Binding | Paperback |
Reading Level | Uncategorized
|
# of Pages | 92 |
ISBN-10 | 0627023940 |
ISBN-13 | 978-0627023941 |
Publication Date | 09/30/1998 |
You must be a member of JacketFlap to add a video to this page. Please
Log In or
Register.
View J.M. Opperman's profile